Khawundicacisele kakuhle nge-Bitcoin

nguNik Custodio 2013/12/12open in new window

Ukuba nangoku awukayazi nokuba yintoni na le bitcoinโ€ฆ

Masithi ndizichophele esitolweni epakini. Imini izolile.

Ndiphethe i-apile elinye apha kum. Ndize ndilinike wena.

Ngoku wena une-apile elinye, mna andinanto.

Yinto elula le, akunjalo?

Masikhe siqwalasele ukuba kwenzeke ntoni na:

I-apile lam ndikunike mna buqu esandleni.

Uyayazi ukuba le nto yenzekile. Nam bendikhona. Nawe ubukhona. Ulivile, walibamba.

Khange sifune kude kubekho umntu wesithathu oza kusinceda sinikane. Khange side sifune omnye aze kuchopha nathi esitulweni aze kungqina ukuba i-apile ngenene lisukile kum laya kuwe.

I-apile lelakho! Mna andinalo elinye i-apile endinokunika lona kuba andinalo. Alikho zandleni zam ngoku. I-apile alisekho kum. Likuwe, kwaye lixhomekeke kuwe. Ungalipha umhlobo wakho ukuba uyathanda, naye loo mhlobo angalipha owakhe umhlobo. Lityhutyhe ke kanjalo.

Ingaba ibinjani le nto besinikana ngayo thina sobabini? Ndiqinisekile ukuba besiza kwenza ngolu hlobo lunye nokuba besinikana ibhanana, incwadi, imali โ€ฆ.

Hayi kodwa, mandingangxami.

Masibuyele ema-apileni!

Masithi ke, ndine-apile elidijithali. Nali i-apile lam elidijithali, ndiyakunika. Nantso ke, ziyatshintsha ke ngoku izinto. Wazi njani ukuba eli apile lidijithali ibilelam, ngoku lelakho, kwaye lelakho wedwa? Khawucinge oku okomzuzwana.

Ayilulanga kunokuba besicinga, andithi? Wazi njani ukuba eli apile khange ndiqale ndilithumele nge-imeyile kuTommy. Okanye kumhlobo wakho uJoe. Okanye nakomnye umhlobo wakho uLisa? Mhlawumbi ndenze neekopi ezimbalwa zela apile lidijithali ngekhompyutha yam. Mhlawumbi
ndilivulele wonke umntu ku-intanethi ukuba azithathele.

Njengokuba ubona, ukunikana izinto nge-intanethi kunayo ingxakana. Ukuthumela ama-apile adijithali ingathi akufani nokuthumela ama-apile abembakayo nabonwa ngamehlo.

Iingcali zekhompyutha zinalo igama lale ngxaki: kukufuna ukutya kabini ngento enye. Kodwa ungazihluphi ngayo. Into ekufuneka uyazi yile, nabo sele kulithuba ibaxakile kwaye abakayisombululi.

Kwade kwangoku.

Masikhe sicinge size nesethu isisombululo.

Iileja

Mhlawumbi la ma-apile adijithali afuna ukufakwa kwileja. Ngamafutshane, ileja yincwadi obhala kuyo zonke iintlawulo okanye unaniselwano olwenzileyo โ€“ incwadi yobalo-mali.

Le leja, njengoko idijithali, kufuneka izimele yodwa kuze kubekho umntu eza kuxhomekeka kuye.

Le nto iyafana no-World of Warcraft. U-Blizzard, inkampani eyayila umdlalo we-intanethi, uneleja edijithali enazo zonke iinkcukacha zabadlali abakumdlalo wayo besilwa ngamakrele wabo amenyeza umlilo. Xa kunjalo ke akukho ngxaki, xa inkampani efana nale inokukwazi ukugcina iinkcukacha zendlela esitshintshiselana ngayo ngama-apile adijithali wethu. Kumandi ke โ€“ siyisombulule le ngxakana besinayo!

Iingxaku

Isekhona ingxakana esinayo:

  1. Ukuba omnye wabasebenzi baka-Blizzard wenze amanye? Angawongeza la ma-apile adijithali ngokusuke azenzele amanye nanini na xa efuna!
  2. Olu tshintshiselwano alusafani noluya sasenze ngalo ngokuya sasichophe esitulweni epakini. Ngala mini, yayindim nawe kuphela. Ngokuthi sisebenzise uBlizzard siyafana nokuba sicele uTommy (omnye umntu) ukuba abe khona ngalo lonke ixesha sinikana ama-apile. Ingaba singakwazi ukunikana ama-apile adijithali sisebenzisa la ndlela yesiqhelo, ifana nale yasepakini?

Ingaba ikhona enye indlela esinokuyisebenzisa efana naleya sasinikene ngayo epakini, ibe ndim nawe kuphela, sinikane ama-apile sisebenzisa i-intanethi. Ingathi ayilulanga โ€ฆ

Isisombululo

Ukuba sinike le leja โ€“ kumntu wonke? Endaweni yokuba le leja ibe kwikhompyutha yakwa-Blizzard, iza kube kwiikhompyutha zomntu wonke. Lonke utshintshiselwano olwakhe lwenzeka, ukusukela kudala, ngama-apile adijithali luza kubhalwa kuyo.

Awunakho ukwenza utshintsho kuzo uze ungabonwa. Andinakuthumelela ama-apile adijithali endingenawo, kuba ukuba ndenze njalo, le yam iza kutshintsha ingafani nezabanye abasebenzisa kwale leja inye. Akunakubalula ukuba abantu bazame ukwenza umgunyathi kuyo. Ingakumbi xa ithe yakhula yanabantu abaninzi kakhulu.

Futhi, ayizikulawulwa ngumntu omnye, ngolo hlobo iza kwenza ukuba sazi ukuba akukho mntu unokusuka azinike ama-apile adijithali engaziwa. Imigaqo yokusebenzisa obu buxhaka-xhaka beekhompyutha icacisiwe ekuqaleni. Futhi ikhowudi kunye nemigaqo ivuleleke kumntu wonke. Ob bubuxhaka-xhaka beekhompyutha benzelwe abantu abanolwazi ngeekhompyutha ukuba bafake isandla, babugcine busemgangathweni, baqinisekise ukuba abunazikroba, babuphucule baze babubeke phantsi kweliso.

Nawe ungayinxalenye yabo basebenzisa le leja ude futhi umana uyihlaziya futhi uqinisekise nokuba akukho kungahambelani kwiingxelo zayo. Ngokuchitha ixesha lakho wenze oku ungathiwa jize ngama-apile adijithali ayi-25. Okuyinene, kukuba le yiyo yodwa indlela yokuzifumanela amanye ama-apile adijithali kolu hlobo lorhwebo.

Ndizame ukuyenza lula kangangoko

โ€ฆ kodwa olu hlobo lorhwebo lukhona. Lubizwa ngokuba lurhwebo nge-Bitcoin. La ma-apile adijithali sizekelise ngawo wona amele i-โ€œbitcoinsโ€ kolu hlobo lorhwebo. Itsho yalula ne!

Uyibonile ke ngoku le nto yenzekileyo? Ingabi ileja kawonke-wonke yenza ntoni?

  1. Usakhumbula ukuba besithe ivuleleke kumntu wonke? Inani lama-apile ewonke belichaziwe kwileja kawonke-wonke ekuqaleni. Ndiyalazi ngoku inani la ma-apile akhoyo. Kolu hlobo lorhwebo, ndiyawazi ukuba anqongophele (anqabile).
  2. Xa sitshintshiselana (sirhweba) ndiyayazi ngoku ukuba i-apile ledijithali limnkile kum lelakho lonke wedwa, kwaye ubungqina boku busezincwadini. Ndandikade ndingakwazi ukuthi into ezidijithali ayisekho kum kwaye nobungqina bukhona ezincwadini. Olu tshintsho luza kuqinisekiswa luze lufakwe kwileja kawonke-wonke.
  3. Ngenxa yokuba le iyileja kawonke-wonke, khange kufuneka ukuba kubekho omnye umntu wesithathu oza kuqinisekisa ukuba akwenzekanga mgunyathi, okanye ndizenzele ezinye iikopi, okanye ndinikise ngala ma-apile manye kubantu ababini okanye abathathu abahlukeneyoโ€ฆ

Kolu hlobo lorhwebo, ukutshintshiselana nge-apile elidijithali kuyafana nje nokutshintshiselana nge-apile eli lokwenyani silaziyo. Kuyafana nje nokubona i-apile eli lokwenyani ndilithathe ngokwam buqu ndilifake kuwe epokothweni. Nanjengokuba sasenzile esitulweni epakini, utshintshiselwano lwenzeka phakathi kwabantu ababini kuphela. Mna kunye nawe โ€“ khange sifuna omnye umtu wesithathu oza kuba ligqina eliza kuqinisekisa.

Ngamanye amazwi, ingathi besitshintshiselana ngento ebambekayo ngesandla.

Kodwa uyayazi eyona nto imnandi ngolu hlobo lorhwebo? Luqhutywa nge-intanethi. Singarhweba ngama-apile ali-1,1000, okanye ama-apile asisigidi, okanye nangama-apile ayi-.0000001. Ndingawathumela lula ndisebenzisa nje ikhompyutha kuphela, futhi akukhathaliseki nokuba ndiseNicaragua ube wena useNew York inganguqhwanya, afike kwi-akhawunti yakho yama-apile adijithali ngokukhawuleza.

Ndingongeza nezinye izinto kula ma-apile adijithali. Kakade lurhwebo oluqhutywa nge-intanethi olu. Mhlawumbi ndibhale isijungqe somyalezo omfutshane, uhambe nawo โ€“ umyalezwana odijithali. Okanye mhlawumbi, akhatshwe nazezinye izinto ezibalulekileyo; into efana nesivumelwano, okanye isatifikethi sezabelo zorhwebo okanye ikhadi-sazisiโ€ฆ Ingathi ilula yonke le nto! Ke ngoko ingaba kufuneka siwathathe njani okanye silibeke njani ixabiso lala ma-apile adijithali? Xa enje aluncedo, akunjalo? Abantu abaninzi baxambulisana ngalo mba sithetha nje. Iingxoxo zishushu phakathi kweengcali ezahlukeneyo malunga nolu hlobo lorhwebo. Neengcali zezopolitiko, nazo ziyaxambulisana. Ezobuchwepheshe beekhompyutha, nazo ngokunjalo. Nangona usiva esi sankxwe, ungamameli namnye kubo. Abanye abantu bazingcali. Abanye abazinto. Abanye bathi olu hlobo lorhwebo lunemali eninzi kakhulu, abanye bathi luyafana nje nophoyiyana, alinaxabiso kwaphela. Ukhona nolichaze ngqo nexabiso lolu hlobo lorhwebo: esithi i-apile ngalinye lixabisa i-$1,300. Abanye bathi bubutyebi obudijithali, abanye bathu luhlobo lwemali. Abanye bathi lufana nje neentyatyambo. Abanye bathi luza kuyitshintsha indlela elenza ngayo izinto ihlabathi, abanye bathi lufana nje nomlilo weendiza, akukho kwanto ingako ngalo. Mna ndinezam iimbono ngalo.

Kodwa ndakunibalisela ngenye imini. Xa sithetha inyani, nto yakuthi, unolwazi olungcono kakhulu nge-Bitcoin ngoku kunabantu abaninzi.

Recommend Reading (Updated 2017)

โ€œYou Donโ€™t Understand Bitcoin Because You Think Money is Realโ€open in new window by Maria Bustillosopen in new window is a good follow-up read.

You can also read more about Ethereum and Smart Contracts hereopen in new window. Enjoy!

Abaguquleli
Phakamani Dadlana