Umba: Ukukhutshwa kwe-Bitcoin v0.1

nguHal Finney 2009/01/11open in new window

USatoshi Nakamoto wabhala wathi:

Ukubhengezwa kokukhutshwa kokuqala kwe-Bitcoin, uhlobo olutsha lwemali ye-intanethi olusebenzisa ubuxhaka-xhaka borhwebo babarhwebi ukuthintela ukuba ingasetyenziswa kabini. Ayinaziko linye ilawulwa kulo futhi ayinankqubo yekhompyutha yayo okanye iqumrhu eliphetheyo.

Khangela imifanekiso efotwe kwiselula ku-bitcoin.org.

Yiya ku: http://downloads.sourceforge.net/bitcoin/bitcoin-0.1.0.rar

Sikuqwabela izandla Satoshi, ngokukhupha ubuxhaka-xhaka obutsha bokurhweba nge-bitcoin. Ndiyathemba ukuba buza kuba luncedo kakhulu.

I-bitcoin esele zikhutshiwe ngoku ziyi-21,000,000. Ziza kuthunyelwa kwizitishi ezincinci zogcino-lwazi kubuxhaka-xhaka beekhompyutha xa ziqalisa ukwenza iibloko, nexabiso lazo liphungulwa ngesiqingatha rhoqo emva kweminyaka emi-4.

iminyaka emi-4 yokuqala: 10,500,000 yee-bitcoins iminyaka emi-4 elandelayo: 5,250,000 yee-bitcoins iminyaka emi-4 elandelayo: 2,625,000 yee-bitcoins iminyaka emi-4 elandelayo: 1,312,500 yee-bitcoins njl njl...

Siyayibona nento yokuba obu buchwepheshe benziwe ngendlela eyenza ukuba bukhuphe inani eliqingqiweyo lee-bitcoins. Inokuba injongo yoku kukuba umsebenzi ekufuneka umntu awenze xa eza kwenza i-bitcoin entsha uza kuya usiba nzima ngokuhamba kwexesha.

Ingxaki engamandla ngemali efikayo entsha kukuyibeka ixabiso. Nangona nayo ingxaki yokuba abantu bezakuqala babemathidala ngayo, akululanga ukucacisela abantu ngexabiso ekugqitywe kulo ngemali entsha engekabekwa xabiso.

Masikhe sithi i-Bitcoin iye yakwazi ukufumana udumo yaze yayiyona imali isetyenziswayo kwihlabathi liphela. Ixabiso lee-bitcoin zonke ezikhoyo kufuneka lilingane nexabiso lobutyebi obukhoyo kwihlabathi. Iinkcukacha-manani ezikhoyo ngokwangoku zithi ubutyebi bamakhaya edibene wonke kwihlabathi buphakathi kwe-$100 trillion ne-$300 trillion. Xa kukho ii-bitcoin ezizigidi ezingama-20, lo nto yenza ukuba i-bitcoin inye ixabise imali eyi-$10 million.

Ke ngoku ungazuza lukhulu ukuba ungaqalisa ukuvelisa ii-bitcoin namhlanje ube ungachithi namali ingako ukwenza lo msebenzi, amathuba okuphumelela ayi-100 million lize libe yi-1 elinokubangela ukuba ungaphumeleleli. Nokuba amathuba okuba uphumelele ngolu hlobo mancinci, kodwa ingaba okuphumelela ayi-100 million kweliyi-1 lokungaphumeleli? Khawuyihlafune naweโ€ฆ

Hal


The Cryptography Mailing List Unsubscribe by sending "unsubscribe cryptography" to majord...@metzdowd.com

Abaguquleli
Phakamani Dadlana