I-Bitcoin Ifana

by Oleg Andreev 2017/12/10open in new window

I-bitcoin ifana nemali le izinkozo namaphepha: awukwazi ukuyijika xa sele uyisebenzisile kwaye ixhomekeke kuwe. Ukuba ulahlekelwe sisipaji sakho, nemali yakho iyalahleka. Ungabambisa umntu ii-bitcoins, xa uzifuna kufuneka umthathe njengebhanki le uyaziyo: umthembe ukuba akanakunyamalala nemali yakho.

I-bitcoin ayifani nemali le izinkozo namaphepha abambekayo: ungayifumba ibe ninzi kangangoko awuzikuphelelwa yindawo yokuyigcina. Ungayithumela nakubani na usebenzisa i-intanethi. Awunakwenza i-bitcoin yomgunyathi. Awukwazi ukuyinikezela komnye umntu ixesha elingumzuzwana: ukuze uqinisekise ukuba unaniselwano lwenzekile ngenene, kufuneka ulinde imizuzu ephakathi kweli-10 neli-15 ukuze i-intanethi ikhuphe ubungqina obuyirisithi esetyenziswa kuhlobo lorhwebo lwe-bitcoin.

I-bitcoin ifana negolide: awukwazi ukuzenzela ngokuthanda kwakho, iqingqekile le ikhoyo kwaye le ikhoyo iyankinkishwa xa ikhutshwa ngokuhamba kwexesha. Ukuze ubenayo i-bitcoin kufuneka uyinikwe ngumntu, okanye uyisebenzele ngokuthi uziphandele ku-intanethi. I-bitcoin ifana negolide, nayo iyabengezela: ifunyanwa zingcali zobuchwepheshe, eziyisebenzela nzima, zize zivuzwe ngokubila kwazo, ezizinikelayo kuba zifuna ubutyebi ebumnyameni.

I-bitcoin ayifani negolide: umyinge wee-bitcoin oveliswe ngexesha uqingqiwe ngokuthi kulandelwa isicwangciso sokuvelisa ii-bitcoin esihleliweyo (kuveliswa ii-bitcoin ezingumyinge othile oqingqiweyo ngeyure). Wonke umntu uyazi ukuba akukho mntu unokusuka afumane isisele esigcwele ii-bitcoin zizihlelele okanye kubekho ingcali evelisa intlaninge yee-bitcoin ngesaquphe. I-bitcoin yona ayifani negolide, umthamo wayo ofumanekayo ngexesha uxhomekeka kumalinge enziwa zingcali ezikwaziyo ukuyivelisa ukwenzela ukuba isicwangciso sokuveliswa kwayo singatshintshi. Ungakwazi ukuyigrumba yonke igolide ekhoyo ehlabathini uyigqibe ngosuku olunye, kodwa oku soze ukwazi ukwenza kwi-Bitcoin nokuba ungafumana ikhompyutha ehamba ngesantya esiphezulu kangakanani na. Ukwandisa amacebo okuvelisa ii-bitcoin kungenza nje utshintsho olungephi kwisicwangciso esimiselweyo sokuveliswa kwayo (olu tshintsho lungabangela ukuba ukhule umyinge wee-bitcoin ezikhoyo zisuke kwezi-6 ngeyure ziye kweziphakathi kwezisi-7 nezisi-8 ngeyure).

I-Bitcoin ifana nebhanki: kukho iikhompyutha, izintlu ezineenkcukacha kunye nonaniselwano. Izintlu ezineenkcukacha zigcina zonke iinkcukacha zentlawulo ezingenileyo neziphumileyo; ngubani othumeleyo ii-bitcoin ezingaphi futhi ezithumela kubani. Yonke yenziwe nge-intanethi. Akukho zityeya okanye zibhokisi zigcwele igolide okanye zityesi zokugcina imfihlo, into ekhoyo yinkqubo yeyocwangciso-zincwadi eneleja enye qwaba.

I-Bitcoin ayifani nebhanki: wonke umntu uyakwazi ukuqinisekisa ulwazi olukuluhlu analo lweenkcukacha luyafana nolu lukwileja yomntu wonke. Akukho mntu ungumphathi ubekelwe ukwenza umsebenzi wokufaka iinkcukacha ezintsha rhoqo xa zifika kwileja nokuqinisekisa ukuba akukho mntu uzama ukuzenzela utshintsho kuyo eyedwa. Umntu angabhalisa izihlandlo ezininzi kangangako kwileja futhi akukho gama lamntu libhalwayo kwileja (ngaphandle kokuba umntu uziveza ngokwakhe). Ileja ayigcini magama abantu, ibhala inani lee-bitcoin umntu anazo kunye neenombolo ze-akhawunti. Kolu uhlobo lorhwebo awunakukhupha umyinge omninzi wee-bitcoin ongaphezulu kwezi zikhoyo, kuze kusale kungekho nto kuvimba. Ngamazwi alula, akukho tyala kwileja ye-bitcoin: imali ekhoyo yeyakho, xa ungenayo, awunayo ke qha. Futhi, i-Bitcoin iyabanjwa ngenxa yokuba kukho isivumelwano esityikityiweyo: indlela engumdlalwana ontsokothileyo yokuvelisa okanye ukwenza i-bitcoin yenziwe ngohlobo lokuba izigqibo zithathwe ngabantu abaninzi okanye kuthathe ixesha phambi kokuba kuthathwe isigqibo.

I-Bitcoin ifana nemali yomdlalwana i-Monopoly: imali yalo mdlalwana ngamaphepha nje angumfuziselo ongenaxabiso. Kodwa abantu baye bayinike ixabiso kuba befuna ukudlala lo mdlalwana. Futhi igolide okanye imali nazo zifana nqwa nale mali ye-monopoly.

I-Bitcoin ayifani nemali yomdlalwana we-Monopoly: iqingqekile imali esetyenziswa kulo mdlalwana kwaye akukho mntu ukwaziyo ukuzenzela engumgunyathi. Le nto ke iyenze le mali ukuba ibe yimali enokuqokelelwe igcinwe njengento enexabiso njengoko kunjalo kwigolide nakwiingqekembe zesilivere.

I-Bitcoin ifana ne-Git: kwi-Git (inkqubo yekhompyutha yokulawula nokulandelelanisa) lonke utshintsho olwenzayo lufakwa kwisixokelelwano esilawulwa ngobuxhaka-xhaka beempawu ezifihlakeleyo zokuvelisa ulwazi. Ukuba ubuthembile obu buxhaka-xhaka bukhoyo beempawu busetyenziswayo kutsha nje, ungazifumana zonke iinkcukacha zangaphambili (inxalenye yazo) naphi na futhi ukwazi nokuziqinisekisa ukuba zizo ngenene ezi ubuzilindele. Ngokunjalo ke nakwi-Bitcoin, zonke iintlawulo ezenziwyo zihlelwano ngokokulandelelana kwazo kwisixokolelwano, esibizwa i-blockchain, zize zithi zakuqinisekiswa ukuba azinampazamo, nokuba iinkcukacha bezifakwe njani, uyayithemba indlela esisebenza ngayo esi sixokolelwano ngokuthi ujonge iimpawu ezifihlakeleyo ezisetyenziswayo ezihambelana nolwa phawu lufihlakeleyo obukade ulisebenzisa futhi ulithembile. Oku kubangela ukuba iinkcukacha zigcinwe kwiindawo ezahlukeneyo futhi buthembeke nobuxhaka-xhaka obusetyenziswayo ukuqinisekisa ukuba akukho zimpazamo kwezi nkcukacha.

I-Bitcoin ayifani ne-Git: kuba wonke ufuna ukusebenza kwisebe elinye. Kwi-Git bonke abantu bagasebenza kumasebe amaninzi, ahlukeneyo kodwa amana ukuphinda adibane. Kwi-Bitcoin awukwazi ukuwadibanisa amasebe angahambi kunye. Isixokelelwano luluhlu oluneenkcukacha zonaniselwano olwenzekileyo kodwa olu luhlu luneentlobo zamacandelwana okanye amasebe awahlukeneyo kodwa kukho eli khonkco lineenkcukacha ezininzi (lona linexabiso) kunye namanye avele njengebhaqo angenaxabiso. Kwi-Git, le nto iqulethweyo ibaluke ngaphezu kwenani lamasebe, kwi-Bitcoin kubaluleke kakhulu ukuba kuvunyelwano ngaphezu kwale nto kuvunyelwana ngayo.

I-Bitcoin ifana ne-Bittorrent: olu hlobo lorhwebo aluxhomekekanga kwiziko elinye, akukho ziko linye lokwenza i-bitcon. I-blockchain efana noxwebhu olunolwazi olunye olukwi-bittorrent: oluqinisekisiweyo ngendlela efihlakeleyo lwaze lwasasazwa kwiikhompyutha ezininzi. Akukho mntu unamagunya angaphezu kwawabanye kubo bonke abantu abathatha inxaxheba, kuquka nabo bayenzayo. Ukuba kukho indawo ethile yesi sixokolelwano ethe yonakala, unaniselwano luza kuqhuba kusetyenziswa ezi ndawo zingachaphazelekanga. Nokuba kungathiwa sonke isixokelelwano asisasebenzi, iinkcukacha ngonaniselwano obelwenziwe azizikuchaphazeleka kuba ziselugcinweni kwezinye iikhompyutha ezingaqhakamshelwanga kwesi sixokelelwano siphazamisekileyo ngolo hlobo akukho mntu ulahlekelwa yimali yakhe. Xa abantu bephinda bekwazi ukuqhakamshelana kwakhona, bangaqhubeleka berhweba ngokungathi khange kwenzeke nto. Zombini i-Bitcoin ne-Bittorrent azinakwenzeka nto nokuba lingatshatyalaliswa ihlabathi ngesiqhushumbisi senyukliya kuba ulwazi aluchatshazelwa yimitha etshabalalisayo yenyukliya kwaye luyakwazi ukuziphinda luzenze ngokwalo.

I-Bitcoin ayifani ne-Bittorrent: endaweni yeefayile ezininzi ezizimele zodwa kukho ifayile enye ekhulayo: i-blockchain. Futhi, abona bantu badlala indima enkulu: abenzi be-bitcoin bayahlawulwa ngemali yokwenyani ngomsebenzi abawenzayo.

I-Bitcoin iyafana nelungelo lokuthetha ngokukhululekileyo: naluphi na unaniselwano olwenzekayo lufana nomyalezo omfutshane kawonke-wonke ohamba ufikelele kuwe nokuba uphi, usenzani. Uthi xa ufika kubenzi be-bitcoin, bawufake kwi-blockchain uze uhlale apho naphakade. Xa ulapha ke ubonwa ngumntu wonke kwaye akukho namnye onokuwucima.

I-Bitcoin ayifani nelungelo lokuthetha ngokukhululekileyo: ukuthetha yimali. Unaniselwano luhambisa imali oza kuyisebenzisa xa uqalisa ukurhweba. Ke ngoko ayinguye wonke umntu ovumelekileyo ukuba avule umlomo, ngabo banecebo lokufaka imali kuphela abanelungelo lokuthetha. Futhi, abenzi be-bitcoin baye bayikhabe imali ukuba ikhona into engaqondakaliyo ngayo okanye ayiphelelanga. Ke ngoko, nangona wonke umntu evumelekile ukuba athathe inxaxheba kolu hlobo rhwebo, kusakufuneka ithotyelwe imigaqo esetyenziswa kolu hlobo lorhwebo, futhi umntu uthatha inxaxheba ngokuzithandela kulo.

I-Bitcoin ifana nesivumelwano sentsebenziswano: ifana nqwa nendlela yokuziphatha koluntu. Isebenza njengemali kuphela ukuba abantu bayithatha njengemali futhi babonakalise ukuyihlonipha okupheleleyo futhi bahloniphe nimigaqo yayo yokuyisebenzisa. Ubuxhaka-xhaka beteknoloji busetyenziswa kuphela kuba buluncedo kwesi sivumelwano sentsebenziswano.

I-Bitcoin ayifani nesivumelwano sentsebenziswano: ayifani nezi ntlobo zezivumelwano zentsebenziswano zifundiswa ezikolweni. Awunakuwatshintsha amasolotya aso esi sivumelwano, kwaye asinyanzeliswa ngabalawuli. Sinemigaqo engatshintshiyo, wonke umntu uzikhethela ngokwakhe ukuyisebenzisa, ngolo hlobo ke yenze ukuba kusetyenzwe kuvunyelwene ngumntu wonke.

I-Bitcoin ifana nemali ehla phezulu ye-intanethi: yiyo ke nyhani.

Abaguquleli
Phakamani Dadlana