NDISASEZELA UMOYA

by GameKyuubi 2013/12/18open in new window

Bendingayiva nam intsingiselo yesi sihloko ngethuba ndisibhala. Kodwa ngokusihlalutye kakuhle, nokwazi le nyo ndifuna ukuyithetha ngoku ndiyasiqonda ukuba sithi ndisajonga umoya ukuba ubheka ngaphi na.

Umntu wam usazikhuphile, ixabiso le-Bitcoin liyehla. KUTHENI NDIYINKONYILE EYAM, NDINGAYITHENGISI? MAMELA NDIKUXELELE ISIZATHU.

Kungenxa yokuba andingomrhwebi nge-Bitcoin ohlakaniphileyo futhi NAM NDIYAZAZI UKUBA ANDINGOMRHWEBI UHLAKANIPHILEYO. Ndiyayiqonda into yokuba abarhwebi abahlakaniphileyo bayakwazi ukubona xa i-bitcoin inokubenzela imali futhi bazenzele izigidi zerandi ngokulula.

Kunjalo, abarhwebi abangahlakaniphanga uyakubeva besithi HEYI, ZIYABUYA NGOKU, NDIZA KUYITHENGISA EYAM I-BITCOIN baphinde bazisole bekhuza umntu umve sele ezibuza nokuba YINTONI LE IMBI KANGAKA NDIYENZILEYO, YHINI UKUZIBETHA KANGA xa oomakhwekhwetha, IZINTO EZIHLAKANIPHILEYO ZIBONISA UBUKRELE-KRELE NOLWAZI OLUNZULU NGOLU HLOBO LORHWEBO ngokusuka zingabhuduzeli, zibhayize. Zizole qha zilindele amathole wazo eziwafumene ngokurhweba ngobuhlakani. Mna ke andifani nabo bantu. Xa abarhwebi bethenga nam sele ndiphakathi, futhi ndiyaxhamla ke ngoku UKUBA BACINGA UKUBA BAQHATHA MNA BAYAPHAZAMA, ANDIWENZIWA NJALO.

Abo ubabonayo bebhala kumakhasi onxibelwano besithi YHOO UPHAZAMILE, NGOWULISEBENZISILE ELA THUBA. NDAZE NDABENZA UBUDENGE, ANDATHENGISA. YHINI UKUZIPHOSANISA NEZIGUBHA. UKUBA NJE KHANGE NDILIBAZISE, NGENDISISINHANHA NGOKU.

Kufuneka uthengise xa imarike zezimali zikwimeko embi ukuba uhlakaniphile okanye usisidenge esingazinto. Abanye abantu bona bayazibamba ii-bitcoin zabo, balinde.

Kolu hlobo lorhwebo, apho utshayelwa uphele okanye uthathe zonke, abarhwebi benza imali xa wena uthe wathengisa.

Abaguquleli
Phakamani Dadlana