I-Bitcoin ifana neMidlalo

ngu @thebitcoinrabbi 2021/01/13open in new window

Ndinezihlandlo ezininzi ndizama ukucacisa ukuba isebenza njani na i-#bitcoin kwaye ayilawulwa endaweni enye njengomdlalo. Ndiye ndafumanisa ukuba kuyabanceda abantu abaninzi ukuphendula imibuzo emininzi ebuzwa rhoqo:

Q: Waqalwa ngubani umdlalo we-baseball?

A: Akubalulekanga ukuba waqalwa ngubani lo mdlalo. Nabani ofunayo angawudlala. Akukhathaliseki nokuba lo wawuqalayo ufuna ukutshintsha imigaqo yawo okanye ukuzinika amanqaku okanye ukwenza enye into. Asinaxesha lazimvo zakhe ngalo mdlalo siwuthandayo.

Q: Ulawulwa ngubani lo mdlalo? A: Akukho mntu uwulawulayo, thina sasuke sazicingela ukuba masiwudlale. Sonke siyayazi imigaqo yawo futhi siyaqinisekisa ukuba iyathotyelwa, kwaye ukuba kukho umntu ofuna ukuyaphula, siyamkhupha emdlaleni. Ukuba umntu othile uzinika amanqaku angawasebenzelanga, sisuka simshiye apho.

Q: Sazi njani ukuba le migaqo ayinakutshintsha? A: Sonke savumelana ngayo ngethuba siqala ukuwudlala, kwaye nabani na ofuna ukudlala lo mdlalo uza kuthobela le migaqo, ukuba kukho umntu ofuna ukuyitshintsha, kuza kufuneka ayokuzihlalela yedwa.

Q: Akukho mntu unokungena kuwo ngaphandle kwemvume, enze umonakalo? A: Yonke into yenzelwa elubala. Ibala ekudlalwa kulo lisemehlweni ethu kwaye namanqaku afakwayo abonwa ngumntu wonke. Ukuba umntu wophula imigaqo yokuwudlala, sonke siza kumbona size simkhuphe.

Q: Kutheni unexabiso nje? A: Sonke sathatha isigqibo sokuba siwudlale, ke ngoko ubalulekile kuthi. Ukuba kukho umntu

ofuna ukudlala kufuneka avume ukuba uza kuwamkela la manqaku sele sinawo futhi awazi nokuba abala kangakanani na. Kum ixabisekile, ke ngoko inexabiso. Ixabiso ke liyaxhomekeka.

Q: Ingaba awunakubhangiswa? A: Mhlawumbi, kodwa lo mdlalo udlalwa ngabantu abazonwabisayo babe bengahluphi mntu, ke ngoko urhulumente angazama ukuwuvala kodwa akanakuwuphelisa nya, kuba sele usaziwa futhi uthandwa ngabaninzi, ke ngoko ukuba uvaliwe kwenye indawo uza kuphinda uvumbuluke kwenye.

Q: Ndingangena ndibe yinxalenye yawo? A: Yenza nantoni na oyifunayo. Mna ndiwuthanda kakhulu, nawe ungeza uzodlala okanye ke uzihlalele endlaleni, thina sibe sisitya.

Abaguquleli
Phakamani Dadlana