Ukucacisa i-Lightning Network sisebenzisa isiBali

NguRoy Sheinfeld 2018/03/25open in new window

Abantu abaninzi bayithandile into ebendiyibhale kwinqaku elingaphambili elinesihloko esithi: Lighting Network is the Future of Bitcoinopen in new window. Kodwa ngethuba ndifunda izimvo zabanye abantu, ndiye ndacacelwa ukuba abanye abantu abayazi kakuhle eyona ndlela isebenza ngayo i-Lightning Network. Kweli nqaku, ndiza kunika ingcaciso etyebileyo malunga ne-LN kunye namajelo ayo asetyenziswayo okuhlawula ndisebenzisa umzekelo wesibali (i-abacus), ndingakhange ndinike ubucukubhede obuntsokothileyo malunga nendlela esetyenziswa ngayo i-LN.

Esi sisibali:

Ke ngoku, ijelo lokuhlawula le-LNopen in new window khawulifanise necingo elinye lesibali, apho amaso eza kumela ii-bitcoins ezingaphakathi kwijelo lokuhlawula. Ngethuba u-Alice noBob beyila ijelo lokuhlawulana, u-Alice ebebhatala ii-bitcoins kwi-Blockchain phakathi kweli jelo. Okwangoku, ezi bitcoins (umz., ii-bitcoins eziyi-10 okanye 0.00001 BTC) zezika-Alice. Kulo mzekelo, intloko nganye ilingane ne-bitcoin enye:

Ucingo lesibali kunye nejelo lokuhlawula zineempawu ezifanayo:

  • Ziya macala onke: njengoko amaso akwicingo lesibali enokuhanjiswa asuke ekhohlo aye ekunene, nangasekunene aye ekhohlo, ii-bitcoins zingathathwa ku-Alice ziye kuBob, nakuBob ngokunjalo.
  • Ubunini: kwisibali, amaso abangasekhohlo okanye abengasekunene, awafani eme ecingweni phakathi. Kuyafana ke nakwii-bitcoins kwijelo lokuhlawula ingazezika-Alice okanye zibe zezikaBob.
  • Azitshintshi: njengoko namaso engenokongezwa okanye akhutshwe ecingweni lesibali, u-Alice noBob banganikana ii-bitcoins bona, kodwa zingadluli kwela nani belibekwe ekuqaleni ngethuba kuvulwa ijelo lokuhlawula. Ukuba bafuna ukunikana ii-bitcoins ezininzi kakhulu, kufuneka bavule enye i-akhawunti yokuhlawulana.

I-akhawunti yokuhlawula ijongeka ngolu hlobo emva kokuba u-Alice ethumele i-bitcoin ezimbini ku-Bob:

Ngoku u-Alice unamaso asi-8 aze uBob yena abe nama-2. Masithi ke ngoku u-Bob naye uku-LN njengo-Carol apho asebenzisa ijelo lokuhlawula elinee-bitcoins ezili-10:

Nge-LN, u-Alice angabhatala uCarol esebenzisa u-Bob. Kulo mzekelo wesibali, ukuba u-Alice ufuna ukuthumela ii-bitcoins ezimbini kuCarol, ususa amaso ama-2 kweli cingo lesibali linaye noBob awase ngasekunene (ngakuBob) aze yena uBob aqhube amaso ama-2 aye kweli cingo lesibali linaye noCarol ngasekunene (aye kuCarol). Iza kubonakala ngolu hlobo emva kokuba u-Alice ethumele u-Carol ii-bitcoins ezi-2.

Kubalulekulekile ukuba sikhankanye ukuba u-Bob ebevumile ukuba kuhlawulwane, akanakuwathatha amaso ka-Alice engakhange naye akhuphe alinganayo nala awafumeneyo awathumele kuCarol.

Sisebenzisa lo mzekelo wesibali, kulula ukucacisa indlela esetyenziswa ngayo i-LN xa kusenziwa iintlawulo ezingeyonxalenye ye-blockchain, ingakumbi izinto ezifunekayo ekufuneka ijelo lokuhlawula linazo ukuze likwazi ukwenza iintlawulo. Umzekelo, kulula ukubona indlela ekulula ngayo ku-Alice ukuba athumelele uCarol amaso amaninzi ngaphezulu kula uBob anokukwazi ukuwagqithisa. Kodwa mhlawumbi kwixa elizayo uza kukwazi ukwenza oku esebenzisa ii-AMPopen in new window, kodwa lo ngumba ofuna ixesha lawo wodwa lowoโ€ฆ

Ukuba eli nqaku libe lincedo kuwe, ungalibali ukufaka imifanekiswana yokuqhwaba izandla (xa ufuna izandla ezininzi eziqhwabayo, cofa umzuzwana ungayeki) uyithumele.

Abaguquleli
Phakamani Dadlana

Abaxhasi
HRF