Iphumile i-Bitcoin v0.1

nguSatoshi Nakamoto 2009/01/09open in new window

Ukubhengezwa kokukhutshwa kokuqala kwe-Bitcoin, uhlobo olutsha lwemali ye-intanethi olusebenzisa ubuxhaka-xhaka borhwebo babarhwebi ukuthintela ukuba ingasetyenziswa kabini. Ayinaziko linye ilawulwa kulo futhi ayinankqubo yekhompyutha yayo okanye iqumrhu eliphetheyo.

Khangela imifanekiso efotwe kwiselula ku-bitcoin.org.

Yiya ku: http://downloads.sourceforge.net/bitcoin/bitcoin-0.1.0.rar

Ngabasebenzisa u-Windows kuphela abavumelekileyo ngoku. Ikhowudi engu: C++ yobuchwepheshe obuvulelekileyo nayo ikhona.

โ—Iifayile zakho ziqokelele zibe kuluhlu oludityanisiweyo โ—Qalisa i- BITCOIN.EXE โ—Iza kuziqhakamshela ngokwayo kwezinye izitishi zogcino-lwazi

Ukuba ungasigcina sivulekile sisebenza isitishi sogcino-lwazi esizamkelayo sikwazi ukuqhakamshelana nezinye, ungabunceda kakhulu bonke ubuxhaka-xhaka beekhompyutha ezisetyenziswayo. U-8333 kwidonga lakho lokuzikhusela kufuneka avulwe ukwenzela ukuba ezinye izitishi zogcino-lwazi zikwazi ukuqhakamshelana nesi sakho.

Obu buchwepheshe bekhompyutha busaqalwa ke ngoko busalingwa. Asiqinisekanga nokuba abuzikuphinda buziqalele ngokwabo na apha ethubeni xa kukho imfuneko, nangona ndenze konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba buyakwazi ukukhula bande.

I-bitcoin ungayifumana ngokuthi uyithunyelelwe ngumntu, okanye ngokucofa ku-Options wakugqiba ungene ku-Generate Coins ukuze uvule isitishi sogcino-lwazi wenze iibloko. Ndikwenze kwalula kakhulu ukunika ubungqina bomsebenzi owenziweyo, ke ngoko ekuqaleni nayiphi na ikhompyutha ingakwazi ukuzenzela ezayo ii-bitcoin ngexeshana nje elifutshane. Iza kuye isibanzima xa ezinye iingcali esikhuphisana nazo sizenza uhlengahlengiso ukwenzela ukuba ukwenza oku kungabi lula. Ii-bitcoin ezenziweyo kufuneka zilinde ukuze ziqale zibe neebloko eziyi-120 phambi kokuba kuthiwe zikulungele ukuba zingasetyenziswa.

Zimbini iindlela zokusebenzisa imali. Ukuba lo iya kuye ukwi-intanethi, ungafaka idilesi yabo ye-IP ngolo hlobo ke uza kuqhakamshelana naye, uze unikwe isitshixo-mfihlo sikawonke-wonke esitsha uze uthumele ubhale nomyalezo omfutshane. Ukuba lo iya kuye imali uyicimile i-intanethi, ungayithumela kwidilesi yakhe ye-Bitcoin, eyi-hash yesitshixo-mfihlo sikawonkewonke ebekunikile. Uza kuyifumana le mali xa ethe waphinda wangena kwi-intanethi aza afike kule bloko akuyo. Ingxaki encinci yolu hlobo lokuthumela imali kukuba awukwazi ukufaka nomyalezwana omfutshane, futhi ingaphela sele iyekawonke-wonke, ingeyomfihlo ukuba idilesi isetyenziswe izihlandlo ezininzi, kodwa yindlela eluncedo enokusetyenziswa ukuba nobabini anikwazi ukungena ku-intaneti ngexesha elinye okanye lo mntu iya kuye unengxakana yokusebenza kwe-intanethi kule ndawo akuyo.

I-bitcoin esele zikhutshiwe ngoku ziyi-21,000,000. Ziza kuthunyelwa kwizitishi ezincinci zogcino-lwazi kubuxhaka-xhaka beekhompyutha xa ziqalisa ukwenza iibloko, nexabiso lazo liphungulwa ngesiqingatha rhoqo emva kweminyaka emi-4.

iminyaka emi-4 yokuqala: 10,500,000 yee-bitcoins iminyaka emi-4 elandelayo: 5,250,000 yee-bitcoins iminyaka emi-4 elandelayo: 2,625,000 yee-bitcoins iminyaka emi-4 elandelayo: 1,312,500 yee-bitcoins, njl njl...

Xa ziphela, le nkqubo iza kukwazi ukubhatala imirhumo yokwenza iintlawulo ukuba kukho imfuneko. Isekelwe kuhlobo lorhwebo nokhuphiswano oluvuleleke kumntu wonke, futhi zingabe zikhona nezitishi zogcino-lwazi eziza kwenza iintlawulo simahla.

Satoshi Nakamoto


The Cryptography Mailing List Unsubscribe by sending "unsubscribe cryptography" to majord...@metzdowd.com

Abaguquleli
Phakamani Dadlana