IiBhanki zeBitcoin zoLuntu: Izinto ezifundiweyo kwi-Bitcoin Beach:

NguGaloy Money 2021/11/10open in new window

Imbulambethe

Amaxa amaninzi utshintsho olubanzi lukhokelwa ngabantu abatsha nabangenaxesha lakuphoxeka ngenxa yokuba imizamo yabo iwe ingaphumelelanga. Nangona ndingenakuthi ndizama ukuthethelela ulutsha, kodwa ngethuba kufika i-Bitcoin Beach ngokusesikweni, ngethamsanqa ngelo xesha ndandingekadunjiswa intloko ngu-Twitter apho ndandizakucinga ukuba ayisoze yenzeke into yokuba abantu basebenzise ii-bitcoin ukuthenga izinto ezingenamsebenzi ezifana neelekese. Ukuba sasizinike ixesha saqhuba uphando futhi safunda nzulu, ngesasiyiqondile into yokuba siyalahlekisana. Ngentlahla ke inkoliso yenu ngoku iyayazi into eyenzeka e-El Salvador kuba sasingayazi ukuba i-bitcoin ingade ifikelele kweli qondo inikwa lona kweliya lizwe.

Kumba wase-Bitcoin Beach, ngokwenene ezinye izinto azikholeleki, nangoku ingathi yintsomi. Akukho mntu wayesazi ukuba indawo yokuqala ezakuba noqoqosho olusebenzisa i-bitcoin ngokusesikweni iza kuba yilalana nje encinana e-El Salvador. Le lali ikhokelwa lityendyana eliselitsha elisuka ngaphandle elisebenzisa i-imeyile yakwa-Earthlink, lisebenzisana nenkokeli eyinzalelwana yase-El Salvador engazange iphumele nebanga lesi-6 eli.

Xa sithetha inyani, le nto siyibonayo yayacacile kwangaphambili: isizwana esinabantu abathwaxwa yindlala futhi bengenamali kwakucaca nje ukuba sona siza kubona kuqala ukubaluleka kwe-Bitcoin kunala mazwe atyebileyo afana nooSingapore okanye i-Silicon Valley. I-Bitcoin ingathi idalelwe kanye le ndawo โ€“ abo baqala ukusebenzisa i-bitcoin naye nabani na wayenokubahleka ade aqikileke kuba kwakungekho nto itshoyo tu ukuba bayayazi le nto bayenzayo.

E-El Salvador, i-Bitcoin yimali yabantu abasokolayo nabangenamali. Kubemi beliya lizwe abathwaxwa yindlala, iingxoxo ezintsokothileyo zabantu abangaxakekanga ezimalunga nezinto elunge kunye neqhwalela ngazo i-bitcoin akukho mntu uzikhathaleleyo. Kubo, njengabantu abaxhomekeke kwi-Bitcoin, bafuna imali eza kubanceda bakwazi ukuthenga izinto ezincinci zemihla ngemihla baze bazigcinele nobugcwabalalana ukulungiselela imihla ezayo. Abaziqhekezi intloko ngokuba becinga ukuba baza kusebenzisa oluphi na uhlobo lwemali.

Ke ngoko kulo nyaka ka-2021, sibona ilizwana elingatyebanga kuyaphi libonisa ihlabathi indlela i-Bitcoin eluncedo ngayo ekuphuculeni iimeko zokuphila zabantu abahluphekayo. Siyazi ukuba i-Bitcoin Beach ingumzekelo weminye emininzi. Kodwa siyathemba iza kukhuthaza abantu namazwe amaninzi ukuba azeke mzekweni. Nawe ungazikhupha uye e-El Zonte, usincede sihambise le vangeli ifundisa uluntu lwehlabathi malunga norhwebo oluqhutywa nge-Bitcoin into leyo ibangela ukuba abazizinhanha nabangamahlwempu kwihlabathi liphela bakwazi ukuthatha inxaxheba kwiintshukumo zoqoqosho norhwebo.

โ€“ Mike Peterson (@bitcoinbeachopen in new window)

IQale Ngokulingwa Ligcuntswana Labantu Yagqibela Sele Iyimali Esemthethweni Kwisithutyana Seminyaka Emibin

I-Bitcoin Beach yaqalwa ngulo mbuzo ulula kodwa unzulu uthi: Singakwazi na ukuba noqoqosho oluzinzileyo oluxhomekeke kwi-Bitcoin?

Impendulo kulo mbuzo yaba ngu-ewe ongathandabuziyo. Iphulo elaqalwa ligcuntswana labantu kwidolophana ezimele yodwa likhule ngoku lalandelwa ngabantu abamalunga nezigidi ezithandathu bebonisa ihlabathi ukuba i-Bitcoin yimali ngenene.

Kwesi sikhokelo siza kunyathela izinto ezintandathu ezifundiweyo ngethuba kumiselwa i-Bitcoin Beach Wallet kunye nobuxhaka-xhaka ebusebenzisayo obuvuleleke kumntu wonke. Iinjongo zethu kukufundisa abantu kwihlabathi liphela nokubakhuthaza ukuba bamkele i-Bitcoin njengemali yorhwebo noshishino futhi basebenzise ne-Lightning Network.

Yintoni i-Bitcoin Beach?

Kunxweme lolwandle iPacific e-El Salvador kukho i-El Zonte, idolophana eencinci ethandwa kakhulu zingcali zokutshebeleza kumaza olwandle enabantu abangama-3 000. Abantu balapha banethuba bona bengakwazi ukugcina imali yabo kwiibhanki zesiqhelo kwaye behlutshwa yingxaki yobundlobongela obuza namaqela emigulukudu, kunye nokungabinamali. Kule minyaka ilishumi idlulileyo, kukho iqelana labantu ebelingalali imini nobusuku lizama ukutshintsha le meko lize libanike ithemba abantu base-El Zonte.

Kunxweme lolwandle iPacific e-El Salvador kukho i-El Zonte, idolophana eencinci ethandwa kakhulu zingcali zokutshebeleza kumaza olwandle enabantu abangama-3 000. Abantu balapha banethuba bona bengakwazi ukugcina imali yabo kwiibhanki zesiqhelo kwaye behlutshwa yingxaki yobundlobongela obuza namaqela emigulukudu, kunye nokungabinamali. Kule minyaka ilishumi idlulileyo, kukho iqelana labantu ebelingalali imini nobusuku lizama ukutshintsha le meko lize libanike ithemba abantu base-El Zonte.

UJorge noChimbera kunye neqela bakukhokelisa phambili ukulolonga umzimba uhlale usempilweni, imfundo kunye nokunceda uluntu e-El Zonte. (Ifoto ithathwe ku-Twitter)

Ngo-2019 kwafika umntu kuMike esithi ufuna ukuxhasa la maphulo bawenzayo ngokuthi abalize ngee-bitcoin. Esi sisa kodwa sasinomgqaliselo othi kufuneka ezi bitcoin baziphiwayo zisetyenziswe kule ndawo, endaweni yokuba zitshintshwe zibe yimali le yesiqhelo. Iinjongo zokwenza oku yayikukudala kule ndawo uqoqosho oluzinzileyo oluza kusebenzisa i-Bitcoin apho abarhwebi kunye noluntu beza kukwazi ukuthengiselana iimpahla, iinkonzo futhi bahlawulane nemivuzo besebenzisa i-bitcoin. UJorge noMike bavuma ukwenza njalo, ngolo hlobo yavela i-Bitcoin Beach.

Kwasekuqaleni kwakucaca nje ukuba eli phulo liza kuyitshintsha indlela abantu abacinga ngayo nge-Bitcoin:

  1. I-Bitcoin sisixhobo sezinhanha sokukhangela ubutyebi nasebunyameni. Ukuba umamela amajelo osasazo eendaba zoshishino kunye neewebhusayithi, uyakuhlala usiva ngokungazinzi kwiimarike zorhwebo kunye nangokuthelekiswa kwezinye izixhobo zorhwebo notyalo-mali ezifana negolide nezabelo. Uza kuva ngendlela iibhanki ezibolekisa ngayo ngemali kwizinhanha. Into ongasoze uyive igwadlwa yindima edlalwa yi-Bitcoin ekuxhobiseni ngezoqoqosho abantu abaphuma kumazwe angathathi ntweni.

  2. I-Bitcoin luhlobo lwemali oluhlala lunexabiso, hayi olu hlobo lwemali lokuthenga. Nangona kuvunyelwana ukuba i-Bitcoin luhlobo lwemali ehlala inexabiso, kodwa umba wokuba luhlobo lwemali enokusetyenziselwa nokuthenga kusekhona ukungavumelani ngawo nanamhlanje. Bathi xa becacisa; โ€œUkuba ixabiso le-bitcoin alihli endaweni yoko lenyuka ngesi santya sisibonayo namhlanje, akukho mntu unokufuna ukuyisebenzisa athenge ngayo iimpahla neenkonzo.โ€

Ngokuye likhula eli phulo lase-Bitcoin Beach, iqela labaququzeli nabafundi elalikhula ngokukhawuleza laye lazisela iliso iingxaki ezinokusonjululwa yi-Bitcoin e-El Zonte:

  1. Iibhanki zesiqhelo azisebenzisani nabantu abasokolayo. Ilizwe lase-El Salvador laqala ukusebenzisa iDola yaseMelika ngo-2001, into leyo eyenza ukuba icandelo lezimali leliya lizwe lilandele imithetho yezimali yaseMelika. Imali eninzi ehlawulwayo ukuze kuqinisekiswe ukuba le mithetho yaseMelika iyathotyelwa yabangela ukuba iibhanki zingenzi nzuzo ngokuthi zisebenzisane nabantu abaphuma kumazwe angathathi ntweni. Umzekelo, umnikazi weGarten Hotelopen in new window wazama ukuvulela abasebenzi bakhe ii-akhawunti zebhanki apho wayezakuthi abafakele imali khona, kodwa wafumanisaopen in new window ukuba ukwenza oku kuza kumtyabula i-$50 ngenyanga, ngomsebenzi ngamnye. Lo mali ke ingaphezulu nakwi-10% yomvuzo womntu owamkela umvuzo ophantsi.

  2. Ukuhlawulwa kwabantu base-EL Zonte ngezimali ezivela kumazwe angaphandle kutyabula imali eninzi nexesha. Izimali ezihlawulwa e-El Salvador zivela kumazwe angaphandle beziyi-23% ye-GDP yeliya lizweopen in new window. Umntu othunyelelwa i-$10 sisihlobo sakhe esikwelinye ilizwe utsalelwa i-$3. Ayikho i-Western Union e-El Zonte ke ngoko abantu kufuneka batshintsha-tshintshe iibhasi behamba imigama emide, imini yonke besiya kwii-ofisi abanokukwazi ukufumana kuzo loo mali bayithunyelwe sisihlobo sabo esikwelinye ilizwe. Oku kubaxwe nazintsuku ezininzi ezithathwa yimali ethunyelwe ngumntu okwelinye ilizwe phambi kokuba ifike e-El Salvador.

  3. Kunzima ukuzigcinela imali ungenayo i-akhawunti yasebhankini. Ukungabinabhanki akuthinteli nje ukuba umntu angabina-akhawunti yebhanki. Kwenza nokuba bangakwazi ukuxhamla iintlobo zotyalo-mali kunye neempahla ezinokubakhusela ekubeni babe ngamaxhoba okunyuka kwamaxabiso ezinto. Umahluko owawuqondwa ukuba uza kwenziwa kukufika kwe-Bitcoin yayingowokuba abantu abaninzi batsho bakwazi ukuzigcinela isixa esithile somvuzo wabo okokuqala ezimbalini.

Iqela le-Bitcoin Beach lizimisele ukuqinisekisa ukuba abantu base-El Zonte bayakwazi ukurhweba nokunaniselana nge-intanethi besebenzisa i-Bitcoin. (Ithathwe ku: Twitter)

Bathi bakuba befumene i-bitcoin beza kuyisebenzisa ukuqhuba eli phulo labo batsho baqalisa ukusebenza. Baqala ngokubhalisa wonke umntu ukuba akwazi ukusebenzisa urhwebo lwe-Bitcoin. Ezinye izinto bazifunda, bafundisana baze bazilungisa kwiindawo ezithile ukuze zihambelana nemeko yalapha ngoku seliqhuba eli phulo. Ukufika kwe-COVID-19 ekuqaleni kuka-2020 kwenza ukuba abantu abaninzi babhalise kwabo basebenzisa i-Bitcoin. Abantu base-El Zonte abafuna uncedo babekwazi ukuba baphiwe ii-bitcoins yi-Bitcoin Beach.

Inqaku le-Forbesopen in new window elalipapashwe ngo-2020 layigqamisa nangakumbi i-Bitcoin Beach kwaye abantu abaninzi ababasele berhweba nge-Bitcoin nabo bafuna ukunika uncedo. Omnye waba bantu yayinguNicolas Burtey, omnye wabaseki be-Galoy, owathembisa ngokuba yena uza kuvula inkqubo yentlawulo elungiselelwe kanye le meko yaseBitcoin Beach. Zange kubentsuku zatywala, kwasekwa i-Bitcoin Beach Wallet emva koko eli phulo le-Bitcoin Beach laqalisa ukuqhuba kakuhle kakhulu, lisendleleni eya ekufezekiseni amaphupha ayo.

Xa kungoku ndiqinisekile abantu abaninzi sele beyazi into eyenzekayo: uMongameli wase-El Salvador uNayib Bukelele ngomhla wesi-5 Juni 2021 wabhengeza ukuba i-Bitcoin iza kuba yimali esemthethweni kweliya lizwe. UBukele wabhengeza kumaqonga eengxoxo ka-Twitter ukuba urhulumente wakhe ulixhasa kakhulu iphulo le-Bitcoin Beach waze wongeza esithi umthetho uza kuthatha le nto yenzeka e-El Zonte ize isetyenziswe kwilizwe liphela. Wayibeka yacaca into yokuba umba wokuqinisekisa ukuba abantu abasokolayo base-El Salvador nabo bathatha inxaxheba kunaniselwano ngemali nguwo obaluleke kakhulu kuye. Ngomhla wesi-7 kuSeptemba ka-20201, waqalisa ukusebenza uMthetho we-Bitcoin (i-La Ley Bitcoin). Iphulo le-Bitcoin Beach lisetyenziswa njengomzekelo obalulekileyo kwihlabathi liphela okhuthaza ukwamkelwa nokusetyenziswa kwe-Bitcoin luluntu ngobubanzi. Litsale umdla wabantu ekudala besebenzisa i-Bitcoin kwihlabathi liphela abafuna ukubona ukuba luqhuba njani uqoqosho oluxhomekeke kunaniswelwano norhwebo nge-bitcoin nakwizinto ezincinci zemihla ngemihla. Eli phulo lingumzekelo osetyenziswa nangamanye amazwe.

Okubalulekileyo, kukuba eli phulo lase-Bitcoin Beach lidale iimeko apho abantwana base-El Zonte benokukwazi nabo ukuba namaphupha baze bazakhele Ikamva eliqaqambileyo.

I-Bitcoin Beach Wallet

I-Bitcoin Beach Wallet bubuxhaka-xhaka bonaniselwano bokugcina ii-Bitcoins obuvuleleke kuyo wonke umntu osebenzisa i-Bitcoin. Yenzelwe abantu abangoosomashishini kunye noluntu ngokubanzi lwase-El Zonte. I-Bitcoin Beach Wallet isebenzisa uhlobo lobuxhaka-xhaka bonaniselwano obufuna intsayino yabantu abaninzi obubobunye obunokusetyenziswa endaweni yobu besiqhelo buvumela umntu azigcinile kuwo iinkcukacha zokusayina okanye zigcinwe lelinye iqumrhu busetyenziswa ngabantu abaninzi kule mihla.

UCristina usebenzisa i-Bitcoin Beach Wallet ukuthengisa isepha azenzele ngokwakhe. Abathengi bahlawula ngokusebenzisa isitshixo-mfihlo, ngokuthi afote i-invoyisi efowunini yakhe okanye ngokuya kwiwebhusayithi yakhe yee-invoyisi. (Ithathwe ku: Twitter)

Kwi-Bitcoin Beach Wallet, imali eyinkunzi iyadityaniswa ize ibe phantsi kolawulo lwabahlali. Le nto yenza ukuba wonke umntu akwazi ukuxhamla:

  • Ii-akhawunti zamajelo eLightning Network zilawulwa ngamalungu eli phulo; akukho mali ihlawulwayo ngokuvula nokuvala ezi akhawunti.
  • Abantu abakweli phulo bayakwazi ukuvula ii-akhawunti zokubhatalana ezikhawulezileyo nezasimahla.
  • Ukusetyenziswa ngobunono kobuxhaka-xhaka be-intanethi bokugcina iinkcukacha loo nto yenza ukuba bungatyabuli kakhulu ngendlela ebebunokutyabula ngayo ukuba umntu ngamanye ebesebenzisa ubuxhaka-xhaka bakhe yedwa.
  • Iintlawula zingaphungulwa ngokuthi iintlawulo ezenziwa kwi-blockchain zibhatalwe zizizixa.

Ezinye izinto ezikhoyo kule app zonke zezokuncedisa kumalinge okuqinisekisa ukuba kukho uqoqosho oluzinzileyo oluqhutywa nge-Bitcoin:

  • Iyakwazi ukwenza ukuba umntu abhatale ngedilesi ye-Bitcoin, nge-invoyisi ye-Lightning Network okanye ngenombolo eyimfihlo yomntu.
  • Imali eshiyeke kwi-Blockchain ne-Lightning iyonke, iyavela ibalwe ngedola zaseMelika nange-Satoshi
  • Iinkcukacha ezibonisa intlawulo eyenziweyo zichaza zonke iintlawulo ezazenziwe ngaphambili ngabantu
  • Imephu elula ekwiselula ibonisa onke amashishini alapha asebenzisa i-Lightning
  • Iwebhusayithi abantu abanokunikezela ngayo ukuze bathunyelwe kuyo ii-bitcoin nguye nabani na esebenzisa i-wallet kaLightning. (funda kwi: ln.bitcoinbeach.com/bitcoinbeachopen in new window)

Ukuba ufuna ukuzenzela i-app yeselula eza kunceda uluntu efana ne-Bitcoin Beach Wallet ungangena kwi-galoy-mobileopen in new window ku-GitHub.

Singaphozisanga maseko, nazi izinto u-Galoy azifundileyo kweli phulo lase-El Zonte.

Efundiweyo yoku-1: Imfundo Ibalulekile

Akululanga ukuyilandela uyazi ukuba yintoni na kanye i-Bitcoin. Luhlobo lwemali olufuna uzazi izifundo ngenzululwazi ngeekhompyutha, ngezifundo zoqoqosho, ngezembali, ngobhalo ngokufihlakeleyo, ngeepolisi ezilawula izimali kunye nezinye. Ngethamsanqa, akunyanzelekanga ukuba umntu azi nzulu nge-Bitcoin ukuze akwazi ukuyixhamla naye. Bangaphi abantu abasebenzisa olu hlobo lwemali lusetyenziswayo kule mihla abayaziyo ukuba imali le isebenza njani na?

Ukufundisa abantu base-El Salvador ngendlela esebenzisa ngayo i-Bitcoin liphulo eliqhubayo ngokukaJorge neqela lakhe lase-Bitcoin Beach. (Ithathwe ku: Twitter)

Nanga amacebiso amahlanu ekufuneka aqwalaselwe xa kufundiswa uluntu:

  1. Abaququzeleli basekuhlaleni babalukile kakhulu xa kuqhutywa amaphulo oqesho nawoqeqesho. Ukuba neqela eliza kunceda kuqeqesho noqesho kuqinisekisa ukuba iphulo liqala kakuhle. Oku kubaluleke nangakumbi kwiindawo apho i-Bitcoin iza kunika abantu ithuba lokunaniselana ngemali besebenzisa i-intanethi okokuqala.
  2. Eyona ndlela isebenzayo kukubabonisa abantu indlela esebenza ngayo i-Bitcoin kunokubaxelela nje ngomlomo. Ukunceda abantu bakwazi ukuthatha kwi-intanethi ubuxhaka-xhaka bokugcina ii-bitcoins baze bazisebenzisele, baze futhi bazithumelele futhi bafumane i-satoshi kuyanceda kunokubangxixa ngolwazi ubaxelela ngomlomo kuphela.
  3. Fundisani abantwana. Bona baza kufundisa abazali babo. Abantwana base-El Zonte bayifunda ngokukhawuleza indlela esebenza ngayo i-Bitcoin. Baze bona bafundise abazali babo emakhaya
  4. Ii-ATM ze-Bitcoin zanceda ukwenza uluntu lulubone unxibelelwano phakathi kwe-Bitcoin nemali le iqhelekileyo. Ii-ATM ze-Bitcoin zaba luncedo kakhulu kwinkqubo yokufundisa uluntu. Xa abantu bekwazi ukutshintsha i-Bitcoin ibe yimali besebenzisa iiselula zabo, batsho bayithembe i-Bitcoin nayo bayibone njengemali yokwenyani.
  5. Cacisela abantu bazi ukuba ixabiso le-Bitcoin lihla linyuka ke ngoko kufuneka bazilungiselele. Baxelele abantu ngokuba ixabiso le-Bitcoin likhe lihle baze bakwazi ukuzilungiselela. Qalisa iinkqubo eziza kuba nesibonelelo esiza kunceda oosomashishini abathi balahlekelwe yimali ngenxa yokutshintsha-tshintsha kwamaxabiso kwezi nyanga zokuqala bathi bayiqhele futhi bayazi indlela esebenza ngayo i-Bitcoin.

Ngokuye lisanda inani labantu abasebenzisa i-Bitcoin, zinike ithuba uphume uye ebantwini umamele izinto abazithethayo abantu base-Bitcoin Beachopen in new window. Ngabo oxhomekeke kubo. Kudala bayixabisa into yokubaluleka kweenkonzo ezisemgangathweni kwaphambi kokuba i-Bitcoin ifike, kwaye izinto zibalulekileyo kubo aziphelelanga nje kwi-Bitcoin. I-Bitcoin luhlobo lwemali eza nethemba kunye namathuba ekamva eliqaqambileyo kubantu base-El Salvador.

Okufundiweyo kwesi-2: I-Lightning Network Yanceda Ukuba i-Bitcoin Iqondwe Ngokukhawuleza Ukuba Yimali

I-Lightning Network bubuxhaka-xhaka bokuhlawulana nge-Bitcoin obungaqondwayo ukubaluleka kwabo ngabaninzi. Izolo oku, ibithathwa njengobona buxhaka-xhaka bokuhlawulana imali obungakhuselekanga kwaphela. Sithetha nje isetyenziswa zinkampani ezinkulu ezifana noo-McDonalds, Starbucks kunye noPizza Hut e-El Salvador. Ukwanda kwezitishi ezincinci zentlawulo, amajelo entlawulo kunye nobuxhaka-xhaka bentlawulo kukhawuleza ngesantya esiphezulu. Ingxelo yakutsha nje yophando lwe-Arcane enesihloko esithi โ€œThe State of Lightning Networkopen in new windowโ€ inika iinkcukacha ngesantya sokukhula kunye nezinto ezilindelekileyo.

I-Bitcoin Beach yayikade isebenzisa iintlawulo eziqinisekisiweyo kwi-intanethi ukusasaza ii-bitcoin ebantwini. Nangona olu hlobo lokuhlawula lwalusebenza ngethuba kufundiswa uluntu naxa kuhlawulwa i-satoshi ebantwini balapha abasebenzisa i-bitcoin, yabanazo iindawana esilela kuzo into leyo eyabangumqobo othintela ukuba lo mmandla ube noqoqosho oluzinzileyo olusebenzisa i-bitcoin.

Abantu base-El Salvador babona ukuba i-Bitcoin njengemali yokunaniselana inazo izinto esilela ngazo xa ingancediswa bubuxhaka-xhaka bokulawula iintlawulo obufana ne-Lightning Network:

  1. Imali etsalwa xa kuqinisekiswa iintlawulo yayininzi kakhulu kumntu othenga izinto ezincinci zemihla ngemihla. Abahlali base-El Zonte kufuneka bakwazi ukusebenzisa imali encinci, efana neyokuthenga izinto ezinganemsebenzi ezifana nesonka.
  2. Ukusebenzisa obu buxhaka-xhaka bokuhlawula xa uthenga kuzo zonke iivenkile kwenza ukuba umntu ahlawule umrhumo wentengiselwano ongaphezulu nakulo wale nto ayithengayo. I-Bitcoin Beach yayibona kuyo kanye le ngxaki yomrhumo wentengiselwano ongaphezulu nakulo wale nto ithengwayoopen in new window. Ubuxhaka-xhaka bokubala ii-bitcoin ezishiyekileyo emva kokuba umntu ethengile (i-UTXO) bunika ingxelo ngendlela esetyenziswe ngayo imali. Xa ixabiso lemali ekwi-UTXO lingaphantsi kumrhumo ekufuneka uhlawulwe ukuze isetyenziswe, loo bitcoin kuye kuthiwe akunakuthengwa ngayo, ke ngoko, le ngxaki yomrhumo wentengiselwano ongaphezulu kwale nto ithengwayo.
  3. Ezivenkileni, ukuba le mali unayo ayoneli ukuthenga le nto uyifunayo loo nto ibangela ingxaki phakathi konovenkile kunye nomthengi. I-Bitcoin yenzelwe ukuba kungabi lula ukuba yenziwe umgunyathi futhi isuke ilahleke nje kwinqanaba lokuqala. Ayenzelwanga ukuba isebenze ngesantya kunye nokubala inani lezihlandlo zonaniselwano.

I-Lightning Network inceda oonovenkile ukuba bakwazi ukwenza iintlawulo ngokukhawuleza, ngokulula nangendlela engatyabuli imali eninzi into leyo ifuneka kanye ezivenkileni (Ithathwe ku: Galoy)

Inqanaba lesibini le-Lightning Network yiteknoloji enokusebenza ngcono kunale ibikade isetyenziswa ezivenkileni baze abantu babone ukubaluleka kwe-Bitcoin njengemali yangomso eza kusetyenziswa kwihlabathi. Ngo-2020 abanye babaseki be-Lightning Network babhala inqaku ngalo mba elinesihloko esithi: โ€œLightning as a Retail Payment System?open in new windowโ€

I-Lightning Network ilincede kakhulu iphulo leBitcoin Beach lakhula ngokukhawuleza futhi lasebenza ngokungemagxingxi-gxingxi. Ukuba ibingekho i-Bitcoin Beach, ukusetyenziswa kwe-Bitcoin njengemali e-El Salvador ngekubenzima kakhulu futhi kutye nemali eninzi; ngekwakungazange kuphumelele okanye ke kuthathe ixesha elide phambi kokuba kuqale.

I- Lightning Network bobona bubuxhaka-xhaka kuthenjelwe kubu kuyo nayiphina inkqubo yonaniselwano nokuhlawulana nge-Bitcoin. Yenza ukuba kubekho inkqubo yokuhlawula ephantse ibe simahla, esetyenziswa lihlabathi, ekhawulezayo nengafuni mvume mntwini.

Okufundiweyo kwesi-3: Ukufundisa Oosomashishini Kubalulekile Ukukhwezela Uqoqosho Oluzinzileyo Kule Ngingqi

Ukuseka Uqoqosho Olusekelwe kwi-Bitcoin kuyingxaki kuba kuvele kungacaci nokuba kufuneka kuqalwe ngeyiphi na. Abahlali bafuna iindawo abanokuthenga ngayo kuzo i-Bitcoin, iindawo ezithengisayo nazo kwelazo icala zifuna abathengi abaza kuthenga nge-Bitcoin. Ukwenza kubelula futhi kulangazelelwe ngumntu wonke ukusebenzisa i-Bitcoin kubaluleke kakhulu ekukhuthazeni ukuba ingingqi yonke iyamkele i-Bitcoin.

Eyona njongo iphambili kukwenza ukuba kubelula ukufumana i-bitcoin, futhi ifumaneke ngokukhawuleza nangendlela engatyi mali kakhulu ngaphezu kwazo zonke ezinye iintlobo zemali okanye iintlobo zokuhlawula.

UMama Rosa (okule foto nonyana wakhe uJorge) ngusomashishini wokuqala e-El Zonke ukuyamkela intlawulo eyenziwa nge-Bitcoin. (Ithathwe ku: Twitter)

Nazi ezinye izinto ezaba negalelo kwindlela esakha ngayo ubuchwepheshe obuza kusetyenziswa ngoosomashishini:

  1. Oosomashishini mabangacingi ngenkxamleko yokutshintsha imali. Wuphungule umthwalo wokuba babe beqhekeza amathambo entloko bethelekisa ixabiso ledola (uhlobo lwemali esetyenziswayo kweliya lizwe) kunye nele-bitcoin ngokuthi unike kwiiselula neekhompyutha zabo ixabiso ledola nele-bitcoin kwimali eshiyekileyo, kwii-invoyisi kunye nakwiintlawulo zangaphambili.
  2. Zama ukuba kubekho iindlela ezininzi zokubhatala oosomashishini. Oosomashishini akufuneki banyanzeleke ukuba benze i-invoyisi yento ethengwayo nganye. Besebenzisa i-Bitcoin Beach Wallet, abathengi bangahlawula besebenzisa inombolo zabo eziyimfihlo, i-khowudi ye-QR, ngokukhetha usomashishini lowo emephini, okanye basebenzise amakhasi ee-invoyisi umntu ngamnye anokuthi alifake kwi-ln.bitcoinbeach.com/[username].
  3. Yenze le nkqubo ingafuni xesha lininzi, ilibazise futhi ifune umntu ahlale ku-intanethi ixesha elide. Utshintsho olukhulu olwenzekayo koosomashishini base-El Zonte lwafike ngethuba i-Galoy yathi yabavumela abathengi ukuba bakwazi ukuzenzela ii-invoyisi ezinesixa semali ekufuneka sihlawulwe. Oosomashishini ngoku akusanyanzelekanga ukuba bayeke loo nto bebeyenza balibale kukubhala ii-invoyisi. Bangasuka bafunde nje umyalezo ongena kwiiselula zabo oqinisekisa ukuba intlawulo ingenile. Kulula ngoku ukubhatalwa nge-Bitcoin kunemali ezinkozo okanye ikhadi lokuthenga ngetyala.
  4. Oosomashishini benzele izibonelelo kwasekuqaleni eziza kubakhuthaza ukuba bamkele iintlawulo ezenziwe nge-Bitcoin. E-El Zonte, kwakukho inkqubo yokubuyiselwa imali ezivenkileni isithuba esiziveki ezimbalwa, apho oosomashishini babebuyiselwa i-20% ye-bitcoin yabo. Esi sibonelelo sasibhengeza i-bitcoin sanceda kakhulu ngethuba isalingwa i-bitcoin nasekunyukeni ngokukhawuleza kwamanani abantu abasebenzisa i-bitcoin kulo mmandla.

Ungakulibali ukubaluleka kwendima edlalwa ngoosomashishini ekuxhaseni uqoqosho olusekelwe kwi-Bitcoin. Izinto ezifunwa ngoosomashishini zingohluka, zixhomekeke kule ndawo akuyo usomashishini lowo, ke ngoko kufuneka uqinisekise ukuba uzinika ixesha uzama ukufunda ngezidingo zabo uze uqulunqe ubuxhaka-xhaka obuza kulungela kanye iimeko zabo.

Okufundiweyo kwesi-4: Ubuxhaka-xhaka bokusebenzisa i-Bitcoin kufuneka Buhambelane kanye Neemeko Zabantu Abayisebenzisayo

I-Bitcoin Beach lilinge lokuqala elivele kanye isasungulwa i-Lightning Network. Njengoko uMike eqhele ukusho โ€œKukho abantwana abaselula e-El Zonte abasebenzisa i-Lightning Network ngaphezu koomakhwekhwetha bayo.โ€

Njeongokuba olu qoqosho lusekelwe kwi-Bitcoin lukhula, eli qela lase-Bitcoin Beach laye labona ukuba zikhona iindawana ezisasilelayo kunye nokuba bukhona ubuxhaka-xhaka obusafunekayo obuza kwenzela lula abantu kunye noosomashishini. Ukusebenzisana kakhulu noluntu e-El Zonte kwamnika ulwazi oluninzi olwamncedayo ngethuba equlunqa i-Bitcoin Beach Wallet uNicolas.

Ngokubukela abantu besebenzisa i-Bitcoin ezivenkileni kuyo yonke i-El Zonte kwabanika ulwazi olutyebileyo ngezinto ekufuneka baziqwalasele xa beyila uhlobo lobuxhaka-xhaka obuza kusebenza apha. (Ithathwe ku: Galoy)

Qaphela: Khumbula ukuba kubalulekile ukuvavanya ii-apps kunye neenkonzo ozinikezeleyo kwaba bantu uziyilele bona. Ziqhubele olwakho uphando.

Izinto ezintandathu ezifundiwe ngethuba kuvavanywa i-Bitcoin Beach Wallet kubantu abahlukeneyo:

  1. Ungawubethi ngoyaba umba we-intanethi esebenza kakuhle. Ukuyila ii-app eziza kusetyennziswa kwiindawo ezine-intanethi emana iqhawu-qhawuka kufuna ukuba uqinisekise ukuba i-intanethi isebenza ngesantya esiphezulu futhi ubuxhaka-xhaka bokuqhakamshelana be-intanethi abonakali lula izinto ezo zingeyongxaki eMelika.
  2. Ukufakelela nee-app ezintsha kunika ithuba elihle lokufundisa. I-Bitcoin Beach Wallet inemibuzwana emifutshane eyakhelwe apha kuyo esebenza njengesikhokelo esinentshayelelo emfutshane nge-Bitcoin. Umbuzo ngamnye umntu uwuchanileyo uye athiwe jize ngee-satoshi ukuze athe eqala nje abe sele enazo ii-bitcoin.
  3. โ€œNangona ii-satoshi nazo zisetyenziswa kodwa idola yaseMelika nayo iseyimali esemthethweni. Into efika kuqala ebantwini yimali esemthethweni yelizwe labo, hayi ii-satoshi, xa beqala ukungena kwi-Bitcoin. Inkqubo yokutshintshela kwi-Bitcoin ihamba kancinci, ke ngoko imali esetyenziswayo ngokusemthethweni kufuneka ibe yiyo esetyenziswayo xa kufakwa abantu abatsha kwi-Bitcoin.
  4. Fakela nee-app eziza kwenza lula ukuba abathengi bakwazi ukunxibelelana noosomashishini. Ela qhoshana lemephu kwi-Bitcoin Beach Wallet linceda abantu ukuba bazibone iindawo abanokuthenga ngazo kuzo nge-Bitcoin. Yenza ukuba abantu bakwazi ukuthenga lula nangokukhawuleza ngokuthi ibavumele ukuba bakwazi ukuzenzela ii-invoyisi ngokwabo baze bazibhatalele kwangokwabo.
  5. Amanqakwana abhaliweyo akhapha intlawulo anceda ukuba kube lula ukugcina iinkcukacha. Abathengi kunye noosomashishini bangazuza lukhulu ngokuthi babhale amanqakwana amafutshane akhapha iintlawulo. Ngenxa yokuba uluntu nalo lwafaka isandla kwindlela eyayilwa ngayo le app njengokuba ikhulile isuka kuhlobo lwe-app esetyenziswa ngumntu omnye ngoku yaluhlobo olusetyenziswa ngumntu wonke. Ngoku lo mntu uthumela amanqakwana nalo uthunyelelwayo bayakwazi ukuwabona amanqakwana akhapha intlawulo.
  6. Zilandele zonke izinto ezitshintshayo kwindlela yokuhlawula esebenzisa i-Lightning Network. Iindlela ezintsha zokuhlawula ezifana ne-Lightning Address, ii-invoyisi ezingatshintshiyo kunye no-BOLT 12 zivela ndawo zonke ngokukhawuleza. Ukukhetha indlela yokubhatala oza kuyisebenzisa kuxhomekeka kwiimeko zabantu. I-Bitcoin Beach Wallet yaqala yasebenzisa ikhowudi ye-QR eprintiweyo yona eyayikuthatha ikuse kwikhasi le-invoyisi (elifana no-ln.bitcoinbeach.com/mamarosaopen in new window). Ngoku kuqaliswa iindlela ezintsha zokuhlawula ukuze kuthintelwe ukungavisisani futhi kuphucule nendlela esebenza ngayo loo ndlela intsha yokuhlawula.

Okufundiweyo kwesi-5: Ukugcinelwa Liqela Labantu Linyathelo Eliya Ekuzigcinelele Ngokwakho

Ezona njongo ziphambili zeli phulo kukuba umntu ngamnye abe nobutyebi bakhe obuze ngee-bitcoin obulawulwa nguye. Umthetho wokuqala kumba wokufunda ukutyeba nge-Bitcoin ngogxininisa ukubaluleka kokuba ubutyebi obenziwe ngee-bitcoin bulawulwe nguwe.

Ukuzilawulela ngokwakho ubutyebi bakho akuyiyo yodwa indlela yokwenza ubutyebi, kwaye ingeyiyo neyona ifaneleke kakhulu xa ukhuthaza uluntu ukuba nalo lwamkele futhi lusebenzise i-Bitcoin.

โ€œKufuneka ungangxami. Ukuba abantu abasafundiswa nge-Bitcoin baxelelwa zonke ezi zinto kwasekuqaleni baza kusuka babe madolwโ€™anzima.โ€ โ€“ uMike Peterson kwinkqubo yosasazo ethi: Tales from the Crypt #173open in new window

Amanqanaba eendlela zokugcinwa kwe-Bitcoin

Iinkqubo zokugcinwa zihamba ngokwamanqana hayi njengale yokuzigcinela komntu bucala. Kwelinye icala, une-UX yona ekulula ukukhupha i-bitcoin yakho kuyo futhi iyafumaneka nakwezi bhanki zesiqhelo zokugcina imali. Kwelinye icala uneendlela zokugcina ii-bitcoin ezisebenzisa icwecwana lenkcenkce eligximfizwe istampu ngesandla, izitshixo-mfihlo kunye notyikityo-gama olwenziwa ngabantu abaninzi elinamanqanaba ahlukeneyo okanye abantu abaninzi xa kuza kukhutshwa i-bitcoin.

Zonke ezi ntlobo zokugcina i-bitcoin zinazo iindawana eziqhwalela kuzo into leyo ebangela ukuba ingabi bubuyatha ukukhetha enye kunenye. Umzekelo, ukugcina ubutyebi bakho ebhankini kuthathwa ngokuba yiyona ndlela iqinisekisa ukuba abusoze bubiwe kunokuhamba esithubeni uphethe isitywentywe semali, kodwa ukuphatha ubugcwabalalana epokothweni bokuthenga izinto ezincinci kuluncedo kakhulu.

Kwi-Bitcoin Beach Wallet uxanduva lokugcinwa kwee-bitcoin lelomntu wonke apha kuba zigcinwa luluntu ngobubanzi.

Zonke iindlela zokugcina i-bitcoin ziluncedo, ukuba nje 1) lo ndlela ithile ilungele iimeko zabo bantu bayisebenzisayo futhi 2) abantu ibakhuthaza ukuba bazame ukuba bade bafike kwinqanaba lokusebenzisa i-Paypal/Venmo xa sele befumene ubutyebi nge-bitcoin apho bangazikukwazi ukusuka bayokutsala ii-bitcoin nanini na.

Ii-bitcoin ezigcinwa luluntu: Ukubuyela kundalashe apho kwakusetyenziswa iibhanki zengingqi

Indlela yokugcina ii-bitcoin esiyikhethileyo e-Bitcoin Beach yile uGaloy ayibiza ngokuba โ€œlugcino lwee-bitcoin luluntuโ€. Le ndlela ifuna abantu abaninzi batyikitye apho izitshixo zokukhupha imali eselugcinweni ngaphandle ku-intanethi zisaziwa ngabantu abangabahlali kuloo ngingqi ithile. Le ndlela yokugcina ii-bitcoin yenza ukuba abantu bangaxhomekeki kakhulu kwiinkampani ezinkulu ezilawula ii-bitcoins ezingekho kulo mmandla ngelithuba ibangela nokuba kube lula kumalungu ale ngingqi asanda kubhalisa.

Umgcana nje omfutshane malunga neebhanki zoluntu

Kudala zabakho iibhanki zoluntu ehlabathini. Iinjongo zazo kukunceda abantu abaneengxaki namaphupha afana nezinto ezinxulumene nezentlalo nezoqoqosho. Amaxa amaninzi aba bantu ingangabantu abahlala kwingingqi enye. Imali egcinwa kwiibhanki zoluntu ifunyanwa ebantwini ize iphinde ibolekwe kwabona ngendlela engenamigqaliselo mininzi efana neebhanki ezinkulu zesiqhelo kuba imigqaliselo ikhokelisa phambili umba wokwakha ubudlelwane.

Iibhanki zoluntu zibaluleke nangakumbi kwiindawo ezifana ne-El Zonte kuba kuzo izigqibo zithathwa kwalapha kufutshane futhi ukhokeliswa phambili umba wokunika uncedo abahlali. Olu hlobo lwebhanki ye-Bitcoin luvulelekileyoopen in new window lubizwa nge-Galoy lwakhiwe ngendlela enokunceda nabaphi na abantu okanye iziko kwihlabathi ukuba bazilawulele ubomi nobutyebi ngale ndlella.

Ulwazi oluthe vetshe phakathi kwezinto ezifanayo phakathi kwe-Bitcoin kunye nebhanki yoluntu, funda inqaku elinesihloko esithi: โ€œThe role of Bitcoin for community bankingopen in new windowโ€ elikwi-Fulgur Ventures.

I-Bitcoin Beach Wallet njengebhanki yoluntu ye-Bitcoin

Imali ekwi-Bitcoin Beach Wallet ilawulwa ngabantu abangabahlali kulo mmandla, uhlobo lolawulo-mali olo luthintela ukungavisisani futhi lungatyabuli mali ininzi kwaye lwenzelwe ukuxhasa uqoqosho lwalo mmandla.

Nazi izizathu ezibangela ukuba umba wokugcinwa kobutyebi bee-bitcoins luluntu ube yimpumelelelo apha e-Bitcoin Beach:

  1. Ukususa izinto eziza kubangela ukungavisisani lelona nqanaba libalulekileyo xa usenza amalungiselelo ezinto eziza kufuneka kuqoqosho oluzinzileyo. Abantu, ngokwendalo, abaluthandi utshintsho kwaye bazikhaba ngokukhawuleza izimvo ezintsha babuyele ngokukhawuleza kwizinto abaziqhelileyo. Njengokuba uMike Peterson, kudliwano-ndlelbe awayenalo ngoJuni ka-2020, wathi: Kufuneka uqale kancinci. Ukuba uthi usaqala nje ube sele uchaza zonke iingxaki, abantu abasoze bafune ukuba yinxalenye yelo phulo.โ€
  2. Akulunga ukugcina izitshixo-mfihlo zingalahleki futhi ziphazamiseke kwiindawo ezikude nezinto futhi nezisaphuhlayo. Abantu abahlala kwizindlu ezingasanyentwanga naphantsi futhi ezinamaphahla avuzayo, kwizindlu zabo abanazo iindawo ezikhuselekileyo abanokufihla kuzo izitshixo-mfihlo zabo ezibhalwe phantsi. Ukusebenzisa izitshixo-mfihlo nako kukhe kube yingxaki kubantu abangakwaziyo ukubhala nokufunda, into leyo iyingxaki ekhoyo kumazwe amaninzi ehlabathi.
  3. Abantu abasebenzisa i-Bitcoin baye beyiqhela ngokuhamba kwexesha. Abahlali base-El Zote ngoku bathumela ii-bitcoin besebenzisa i-Lightning Network imihla nezolo. Abanye sele beqalisile ukuqokelela baze bazigcinele ii-bitcoins kwaye sele bezenzele ubutyebi abangaze banebabo besasebenzisa iiDola zaseMelika. Kukhuthaza kakhulu ukubona i-Bitcoin Beach ixhasa amaphulo okufundisa nawokuqeqesha malunga nokuzigcinela ubutyebi obenziwe nge-bitcoin. Umsebenzi owenziweyo wokuphucula i-UX uyaqhubeleka nokwenza ukuba abantu abaninzi kwihlabathi bakwazi ukuqala ukuzigcinela ii-bitcoin zabo.

Iinkqubo ezivulelekileyo ezenza ukuba uluntu lukwazi ukuzigcinela ngokwalo ii-bitcoin zalo ziluncedo kakhulu kumaphulo okuqeqesha nokungenisa abantu kwi-Bitcoin. Sikholelwa ekubeni zizo eziza ukubangela ukuba inani labantu abasebenzisa i-bitcoin likhule lide lifikelele kwibhiliyoni okokuqala ezimbalini.

Okufundiweyo kwesi-6: Qala Kancinci Uze Uyipapashe Kangangoko Phambi Kokuba Uyandise

Kuchulumancisa kakhulu ukubona abantu abaninzi kwihlabathi bethathekile bezama ukwenza ukuba iidolophana nezixeko zabo nazo zisebenzise okanye zamkele i-Bitcoin. I-Bitcoin Lakeopen in new window eGuatemala kunye neBitcoin Beach Brasilopen in new window yimizekelo nje emibini yakutsha nje. Abanye oomakhwekhwetha be-Bitcoin sebeqalisile ukubiza iTonga nge-Bitcoin Island emva kokuba beve isicwangciso esohlulwe kane sikaLord Fusitoopen in new window sokungenisa i-Bitcoin kwilizwe lakhe.

Ukufundisa umntu ngamnye kuyinto ebaluleke kakhulu kwinkqubo yokuqeqesha nokufaka uluntu kwi-Bitcoin. (Ithathwe ku: Twitter)

Kwaba basaqalayo sifumana ukuba amacebiso amabini anokubanceda xa befuna ukukhulisa umbono ufikelele kwinqanaba lokuba luqoqosho:

  1. Ukuqala ngokukhetha le ndawo okanye aba bantu uza kugxininisa kubo kubaluleke kakhulu. I-Bitcoin Beach yancedakala kakhulu ngokuthi igxile kwilali ezimele yodwa enabantu abayi-3,000. Ukugxininisa kule lali yodwa kwenza ukuba kube lula ukubona baze batshintsha-tshintshe iindawo ezithile kwiphulo labo ngokubona iimeko zale lali into leyo eyabancedayo ngokukhula ngokukhawuleza okwenzekayo kwenani labantu abanomdla kwi-bitcoin.
  2. Inani labantu abanomdla liqala ngokukhula kancinci lisuke litsibe kakhulu. Xa ufaka abantu kwi-Bitcoin kufuneka wazi ukuba ixesha oza kulichitha uqeqesha futhi ufundisa abantu bayi-50 bokuqala liza kuba lininzi konozakulichitha uqeqesha iwaka elilandelayo labantu. Ngenxa yokuba i-Bitcoin isetyenziswa ngabantu abaqhakamshelanayo, ke ngoko nalapha kuza kulandelwa imigaqo eqhelekileyo esetyenziswa kwiimeko ezinje. Ngethamsanqa, abayili be-Bitcoin, abo bafundisa ngayo kunye neenkampani zayo kwihlabathi liphela beza nobuxhaka-xhaka beteknoloji bokunceda abantu ukuba bakwazi ukuqalisa ukurhweba nge-Bitcoin.

Abantu abaninzi baqala ukuva nge-Bitcoin Beach ngo-2021, kodwa le projekthi sele ineminyaka emininzi iphekwa. Iqela eliqhuba i-Bitcoin Beach elichithe ixesha elininzi lifundisa ngezinto ezilula nge-bitcoin, liphendula imibuzo lize lilungise nemiba enxulumene nobuxhaka-xhaka be-bitcoin liyintsika yale projekthi. Ukuba bebengekho, i-Bitcoin Project ngeyingeyompumelelo ngolu hlobo ilulo namhlanje.

Okuthathelwa Ingqalelo Xa Kuza Kuqalwa iBhanki ye-Bitcoin

Qinisekisa ukuba uneqela leengcali ezifanelekileyo, ubuchwepheshe kunye neenkqubo zoqeqesho ezilungileyo.

โ€œSibaninzi kwaye sinamaphupha amakhuluโ€ โ€“ @romanmartinezc
  1. Qokelela iingcali oza kuzisebenzisa. Khangela abantu abakhutheleyo, nabakuthandayo ukukhokela abantu ngethuba kufika utshintsho oluza kuza ne-Bitcoin. Zimbini izinto ezingundoqo ekufuneka zithathelwe ingqalelo kwasekuqaleni:
    • Ukufakana imilomo noluntu: Ukuze uyazi indlela olusebenzisa ngayo olu hlobo lokufakana imilomo noluntu, funda indlela abenza ngayo uJorgeopen in new window, uChimberaopen in new window, kunye noMikeopen in new window.
    • Ubuchwepheshe: Zininizi izinto ekufuneka zinikwe ingqwalasela xa kukhethwa uhlobo lobuchwepheshe obuza kusetyenziswa xa kusakhiwa iBhanki ye-Bitcoin. Ukuba nengcali eza kunceda xa uthatha izigqibo malunga neendlela zokugcinwa kwee-Bitcoin eza kusetyenziswa, ubuxhaka-xhaka be-Lightning Network nokulawulwa kobutyebi obenziwe nge-bitcoin, ukusetyenziswa kweendlela zokugcina izitshixo-mfihlo eziquka le yokuzigcina kwalapha kwi-intanethi okanye igcinwe kwindawo eyodwa engeyo-intanethi kunye neminye imiba kuza kunceda ukuba ukwazi ukuhlanganisela yonke into xa inani labantu abafuna i-bitcoin linyuka ngokukhawuleza.
  2. Ukukhangela indawo oza kuyifumana kuyo imali yokuqala. Ukufumana indawo ezakuxhasa ngemali kubalulekile xa uza kuqalisa i-Bitcoin kwindawo entsha, ingakumbi kumazwe asaphuhlayo apho abahlali bengenayo imali eninzi eselugcinweni okanye imivuzo. Ukuba nemali oza kuyisebenzisa yokubhatalela izinto oza kuzisebenzisa kunye neenkonzo kuza kunceda ukuba uqalise ukusebenza, futhi nokunikezela ii-bitcoin ebantwini ekuqaleni kuza kufuna ukuba bube khona ubugcwabalalana obuza kwenza ukuba uqoqosho luqalise ukuqingqa.
  3. Khetha uhlobo lobuchwephesha oza kubusebenzisa. Ubuchwepheshe bokulawula izimali ukongeza kwi-Bitcoin busaqulunqwa. I-Galoy eluhlobo lwebhanki evulelekileyo ingomnye wemizekelo eneenjongoopen in new window zokwenzela lula abantu kunye namaziko ukuba akwazi ukunceda abantu abafuna ii-Bitcoin kunye neLightning Network.
  4. Qiniseka ngendlela oza kuyikhetha yokugcina ii-Bitcoin kwaye wazi ukuba kuza kufuneka indlela eza kudinga ukuba abantu abaninzi batyikitye. Umba wokugcinwa kwee-Bitcoin ngumba obalulekileyo ekufuneka abantu bawucaciselwe kangangoko futhi bawuqonde kwasekuqaleni. Abantu abasele bengoomakhwekhwetha kwi-Bitcoin, kunyanzelekile ukuba uqinisekise ukuba bukhona ubucwephesha obuza kubenza ukuba bakwazi ukuzigcinela ngokwabo. Xa ufaka abantu abangenazo nee-akhawunti zebhanki, kunganyanzeleka ukuba baqale ngokusebenzisa olu hlobo lokuba ii-bitcoin zigcinwe luluntu njengale isetyenziswa e-Bitcoin Beach. Nokuba ukhethe eyiphi kwezi, kodwa qinisekisa ukuba unovimba ofuna ukuba kutyikitye abantu abaninzi ogcine kuyo imali ethile.
  5. Yiba nesicwangciso sokuqhuba uqeqesho nokuxhasa uluntu. Abantu abasebenzisa i-Bitcoin bakuthanda kakhulu ukunceda ngezixhobo zokufundisa kunye nezinye ezifana nezi, ke ngoko qala ubuzise ebantwini futhi ucele. Ayikho into eyodlula u-Twitter xa ufuna ukubona iividiyo, amanqaku abhaliweyo kunye nobutyebi obunxulumene ne-Bitcoin ekufuneka uqale kuyo xa ufundisa abantu nge-Bitcoin. Kodwa kufuneka ungalibali ukuba inani labantu abasebenzisa u-Twitter lingaphantsi kakhulu kwezi ndawo ufuna ukuqalisa i-Bitcoin kuzo.
  6. Yiya ebantwini. Umba wokungenisa abantu kwi-Bitcoin uqala kancinci ngomntu omnye, ngokuphuma uye ebantwini ubanike ithuba lokuba bafumane futhi bakwazi nokuthumela ii-bitcoin.

Landela uJorge (okule foto), uChimbera kunye noMike Peterson (@bitcoinbeach) kuze wazi konke okwenzekayo kweli phulo lase-El Zonte.

Isiqukumbelo

Kuchulumancisa kakhulu ukubona abantu namaziko kwihlabathi liphela besebenzisana bezama ukuba inani labantu abasebenzisa i-Bitcoin lifikelele kwibhiliyoni okokuqala ezimbalini. Siyathemba ukuba le ncwadana iza kunceda ufunde nzulu futhi ibangele ukuba abantu baxovule iingxaki abanazo nge-Bitcoin.

UGaloy ukhokela iqela eliququzelela ingqungquthela enomxholo othi: Adopting Bitcoin: A Lightning Summit eza kubanjelwa e-El Salvadoropen in new window nge-16 ukuya ku-18 ngoNovemba njengenye indlela yokuxhasa amaphulo akhuthaza ukwamkelwa kwe-Bitcoin kunye nokubhiyozela izinto ezintle ezenziweyo liqela le-Bitcoin Beach. Siziva sinelunda ngokuba sisebenzisane nabantu abafana noJorge, uChimbera, Mike kunye nabanye abaninzi abasebenza nzima ukuqinisekisa ukuba uqoqosho olusekelwe kwi-Bitcoin lukhona ngenene.

Ukuba ufuna ukubona nokusebenzisa ikhowudi yethu, ifumaneka simahla futhi ivulelekile kumntu wonke ku-GitHubopen in new window.

Ungasifumana naku-twitter, ku-@galoymoneyopen in new window nakwikhasi lethu lika-Slack kawonke-wonkeopen in new window.

Abaguquleli
Phakamani Dadlana

Abaxhasi
HRF